Babel

The Tower of Babel (Genesis 11: 1-9)

isiXhosa (Xhosa)

  1. Ke kaloku lonke ihlabathi libe lintetho-nye, limazwi manye.
  2. Kwathi, ekundulukeni kwabo besinga empumalanga, bafumana ithafa ezweni laseShinare; bahlala khona. Bathi abanye kwabanye, Yizani, senze izitena, sizitshise kunene.
  3. Baba nezitena endaweni yamatye, nebhitumene endaweni yodaka.
  4. Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke.
  5. UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu.
  6. Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza.
  7. Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho.
  8. UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi.
  9. Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli; ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.

Learn Chinese Characters with the Omniglot Chinese app